ngokwakwakhemestri, umxube yinto eyenziwe ngezinto ezimbini nangaphezulu. Ezi zinto zisenokuba ngamalungu eekhemikhali okanye zibe ngumdibaniso weekhemikhali ngeekhemikhali. Umxube usenokuba ngamanzi, into engengomanzi, ejiyileyo neqinileyo, okanye igesi.

Umxube awufani nomdibaniso owenziwe ngee-atom ezimbini nangaphezulu, apho ke i-atom nganye ixokomezelelwe kwenye ngekhonco ekuthiwa yibond. Umzekelo, umxube weegesi ihydrogen nenitrogen une-hydrogen ne-nitrogen, kungasiyio umdibaniso oyiammonia eyenziwe ngee-atom ze-hydrogen ne-nitrogen.

Xa kuthe kanti izinto ezixutyiweyo zingoomakufanwe xa zizonke ubunjani bento, njengezinto ezingengomanzi (izinto ezibujiya okanye ezibuqina kunamanzi, neziqinileyo), ezinje ngee-solid ezimbini, kuthiwa ngumxube womakufanwe. Ukuba izinto ezimbini ezahlukeneyo zidityanisiwe, njengentlabathi namanzi, ngumxube oheterogeneous.

Ukuba into enye kumxube inyibilika kwenye, ibizwa ngokuba yi-solution. Umzekelo, ukuba iswekile igalelwa emanzini yenza umxube, ize inyibilike ukuze kwenzeke i-solution. Ukuba ayinyibiliki, kuyakuthiwa yi-suspension.

Kanti nezinto ezingengomanzi, ezo zijiyileyo nezibuqina, zingayimixube. Iindidi zomhlaba ezininzi namatye olwalwa ayimixube [[iiminerali|yee-minerali ezahlukeneyo.