imfene asisilo sikhe sifuywe mntu emaXhoseni, sifuywa emlungwini kuphela. sisilo esikhankanyelwa kubantu abangamagqwirha. Sisilo ekuthiwa size nabantu baseMbo, kuba ezamaXhosa izilo zokuthakatha ibizizikhova (oothunywashe), nothikoloshe noozimpundulu, nengcuka namachanti. Izilo zokuthwasa ibiziindlovu, ingonyama nengwe. Ke ababeneemfene babezifihla koovimba nakwezinye iindawo ezikholisa ukuyiwa ngabo bodwa, athi norhanayo arhane ngokubona ithupha layo kwakusa, mhlawumbi ngokuyibona ngasebuhlanti, ebusuku, isanya iinkomo zabanye abantu. Eli qhalo livele kuloo nto yokuba kuyinto enqatyiswe kakhulu ngabaniniyo.

Uthi namhlanje umntu oyinzotsholo, oko kukuthi, onguntamnani, uve sekusithiwa, Lunyawo lwemfene, mhlawumbi lunyawo luka-Janyuwali; oko kukuthi yinto esekubonakala yayo yokugaqa nokuhlalela abanye abantu, ngasese ebexoka, ebahleba, esekeleze inzuzo kuphela ngabo. Waye enjalo nje ezifihla, ebonakala ngathi ulungile, ekukhanyela ukuba unguntamnani, ade alile nokulila. Uthi ke kuba efihlwa kakhulu umntu onjalo, njengemfene, ngaabo abathuthela iindaba, kuze kubonakale imisebenzi yakhe yodwa, sekuthiwa Lunyawo lwemfene . Ngumsebenzi okukhohlakala kukhulu, obufanele ukuba ungenziwa, ungangenwa, ngabantu bakowethu ngenxa yenzuzo yemali.