Usuku lwe-valentine  lusuku lwekhefu olwenzeka ngeyomDumba ngomhla we-14. Lusuku enyakeni  apho abathandanayo bebonisana ngothando lwabo omnye komnye.  Oku kungenzeka ngokunikana iintyatyambo, iitshokholethi,  amakhadi e-Valentine okanye nasiphi na isipho nje esihle.  Bakwanikana namazwi othando. Laa mazwi abhaliweyo nekunikezelwana ngawo kuthiwa xa ebizwa zii-valentines. Abanye abantu bazipikela okanye baziqajela umntu abe mnye baze bababize ngokuba yi"Valentine" yabo njengesijekulo esibonisa uthando nokweneliseka ngabo. 

Iintyatyambo kunye neentliziyo ziyathandwa kusuku lwe-Valentines

Imiqondiso yosuku lwe-Valentine  yindlela eme ngayo intliziyo, iintlatyambo, kunye ne-Cupid kunye nee-arrows zayo.

Usuku lwe-Valentine lathiywa umtshutshiswa wamaKristu ongenachaphaza ogama lakhe lalingu-Valentine. Wayengubhishobhu owayetshate  nesibini esasingamkelekanga. [1]

Ukusukela kumnyaka wenkulungwane ye-14  abantu abahamba ngababi kwisi-Valentine benziwa eNgilani. Abahambeli bamaNgesi basithatha esi sithethe se-Valentine basisa eUnited States. Emva kweMfazwe yesiBini kwiHlabathi, Amajoni omkhosi ase-US awuzisa eEurope lo mbhiyozo.

I-Legend tshintsha

Kunyaka wenkulungwane yesithathu emva kukaKristu, u-Valentine wayenguBhishobhu wamaTerni (e-Italy). Wayeqhuba imitshato yabatshati ababengavumelekanga ukuba batshate.  Babenokungavunyelwa ukuba batshate ngenxa yokokuba ababazali  babengavumelani nonxulumano okanye ngenxa yokokuba umyeni  wayelijoni okanye wayelikhoboka, ngoko ke umtshato wabo wawungavumelekanga.  U-Valentine wayebanika aba batshati iintyatyambo awayezikha egadini yakhe. Yhiyo le nto  iintyatyambo zidlala indima enkulu ngosuku lwe-Valentine.  Oku akuzange kuthandwe yi-emperor. Kwathi kweyomDumba ngomhla 14, ngomnyaka wama-269 AD (emva kokuba engasekho uYesu Kristu), u-Valentine watshutshiswa  ngenxa yenkolo yakhe yobukristu.

Ukwanda kwetheko kudibanisa usuku lokufa kukaValentine ngombhiyozo wamaRoma i-Lupercalia. Kwakungumbhiyozo we-goddess Lupa, igama lobufazi kwi-wolf. Wayengumfazi Omkhulu we-Wolf owayegcine esonga abantwana ababengamawele, u-Romulus kunye no-Remus, abathi ekuhambeni kwexesha babaziifounders zeRome. Ngomsitho wonyaka, umshumayesli wasetempileni (i-lupae) waabhala amagama abo kwimiququmbelo ye-papyrus. Ezi ke zabonwa ngamatyendyana amadoda.  Emva komdlalo we-lotho, ulutsha lwahamba betyhutyha-tyhutyha isixeko lwaza lwafumana iintsikelelo  zabahlali. Ukutshutshiswa kweValentine kwaba yinkxaso emsulwa nenyulu yabantu abathandanayo. Nangoku kwi-Middle Ages, njengaseFransi okanye e-Belgium, abantu babechongwe yi-lottery ukuze bahlale kunye unyaka baza abantu bathandaza kuSaint Valentine ukuze benze izinto eziyakuvuselela imizwa kunye cnezijekulo zothando.

E-United States eYurophu tshintsha

Kwinkulungwane ye-19,  isithethe sokuthumela amaKhadi eValentine siyaziwa kunjalo nje siyathandwa.  Amakhadi adla ngokuba nemifanekiso yeentliziyo okanye iintyatyambo ize ibenemibongwana, mimiyalezo, okanye iikhowudi. Iikhowudi nemiyalezwana inika inkuthazo kuba ibonakalisa eyona ndlela avakalelwa ngayo ngaloo mntu amthandayo.  Namhlanje, abanye abantu basasebenzisa iikhowudi ezimangalisayo ukubonakalisa uthando lwabo kubo.  Abantu basenokusebenzisa amaphepha-ndaba xa benikela memiyalezo yabo ekhowudiweyo kwabo babathandayo, babe ke ngoko banika abanye abafundi bamaphepha-ndaba uluvo ngothando  lwabantu ababini. Ngamanye amaxesha banikana iitshokholethi. 

Ukwaziwa ngokubayintandane yamatheko kuba yi- ngoma yasentsomini ebizwa ngokuba yi"Die Vogelhochzeit" ("The Birds' Wedding" ''Umtshato weentaka'').

ETshayina tshintsha

ETshayina, iholide ebizwa ngokuba yiQi Xi kukwabizwa ngokuba yi"Chinese Valentine's Day" (Usuku lweValentine eTshayina), ingakumbi ulutsha. I-Qi Xi ibanjwa ngokwesithethe ngosuku lwesi-7  enyangeni kwikhalenda ye-lunar. Kwiminyaka yakutsha nje, kubonakale ngathi luya lusiba lusuku lweValentine nakwamanye amazwe. 

Ungafunda nalapha tshintsha

  1. "Archive copy" archived from the original on 2016-04-05 retrieved 2016-02-11