Vusi nova
USnova Umculi (ozelwe nguVusumuzi Nongxa[1], ngo-1983), owaziwa ngegama lakhe langaphambili uVusi Nova, yimvumi yase Mzantsi Afrika. Uzalelwe waze wakhulela eNew Brighton, eBhayi, uNova wafudukela eGoli ngo-1998 eneminyaka eyi-14 ukuya kuqhuba ikhondo lakhe lomculo waze watyikitya isivumelwano sokurekhoda neMuthaland Records[2], wakhupha iWalk Into Light (2013) kunye nethi Did It For Love (2014).
Umsebenzi
tshintshaUNova usayine isivumelwano serekhodi kunye ne-EMI Records kwaye wakhupha icwecwe lakhe lokuqala elithi Ndimfumene ngo-2009. Ngo-2010, wajoyina uRJ Benjamin kwizifundo zezwi waza wadibana no-Oskido owamtyikitya eKalawa Jazmee[3]. [4] Ngo-2012, uNova watyikitya kunye neMuthaland Entertainment[4] kwaye waqala ukusebenza kwicwecwe lakhe lokuqala lesitudiyo.
Ngo-2013, icwecwe lakhe lokuqala lestudiyo elithi Walk Into Light lakhutshwa. [5] Iquka uMoneoa, uVeezo, uRJ Bejamin kunye noIshmayeli. Kwe'EyomNnga ngo 2014, icwecwe likaNova elithi Did It For Love lakhululwa. Kwiimbasa zoMculo zaseMzantsi Afrika zamashumi amabini ananye, iDidi It For Love yachongwa kwicwecwe eliBalaseleyo leRnB/Soul/Reggae.
KumabonaKude
tshintshaNgo-Tshazimpunzi ka-2021, wenza isikrini sakhe sokuqala njengejaji kwi-Amazing Voices[5] isizini yesibini.
AmaCwecwe
tshintsha- Ndimfumene (2009)
- Walk Into Light (2013)
- Did It For Love (2014)
- Naninina (2016)
- Mayan-Nyan (2018)
- NguMama (2021)
Isalathiso
tshintsha- ↑ "Vusi Nova introduces his new alter ego 'Snova'" www.iol.co.za retrieved 2022-07-27
- ↑ "Home" Muthaland (in English) retrieved 2022-07-27
- ↑ "Kalawa Jazmee Records" Kalawa Jazmee (in en-US) retrieved 2022-07-27
- ↑ "Home" Muthaland (in English) retrieved 2022-07-27
- ↑ "Old Mutual's Amazing Voices" Old Mutual's Amazing Voices (in English) retrieved 2022-07-28