Le nto indaba zalapho kwendele khona umntwana wakho, asinto idla ngokuba mnandi yonke imihla. Kukho ezifika zimbi, zilusizi ukuvakala kubantu bakowabo, ngokukodwa kunina noyise. Kukholisa ngokuthi nokuba bebesonwabile kuthi kwakufika iindaba zakhona, babebabi bangonwabi, ithi yonke into ethethwayo ngentombi leyo yabo, nomzi wayo, bangayingeni ukuba ayimnandi, ufike bedungudelisa, bethetha nto zimbi, nakoyibuzayo, bengafuni kuyingena. Kungenxa yaloo nto ke le nto sekukho iqhalo elithi, yindaba yakwantombi, oko kukuthi, yinto endithe ndakuyithetha kuye weecwaka, akayingena, wayidungudelisa, yasuka yayindaba yakwantombi kuye.'