Abantwana bakaTiyo Soga

Naba abantwana bakaTiyo Soga:

Ave Maria

WILLIAM ANDERSON SOGA (5 KweyoMqungu 1858 - 15 KweyeKhala 1916)

tshintsha

U-William yinkulu kaTiyo. Ngexesha lokuwa kwakhe uTiyo, uWilliam wayeneminyaka eyi-13 kuphela ubudala. Njengogqirha u-William wavula imission ekuthiwa yiMiller mission kufuphi nase Elliotdale, eTranskei eMzantsi Afrika. Ngo 1885, uWilliam watshata inzalelwane yase Scotland uMay Agnes Meikle. Unyana wabo uAlexander RB Soga walandela ekhondweni likayise waba ngugqirha naye. Wazifumana iziqinisekiso zezizifundo eGlasgow ngo1912. Usebenze njengogqirha e-Elliotdale nase Dutywa.

JOHN HENDERSON SOGA (10 KweyoMdumba 1860 - 11 KweyeKwindla 1941)

tshintsha

Nangona ezalelwe apha eMzantsi Afrika u-John, kodwa waswelekela eSouthampton. Waqeqeshelwa ubufundisi ke lo mfo njengoyise. Kodwa yena walufumana eEdinburgh obakhe ubufundisi waza wathwesa ngokusesiskweni isidanga soko ngo1893. Emva koko wabuyela eMzantsi Afrika. Apho afike wavula khona i-mission kwisitishi saseMbonda. Eselapho udibene nenzwakazi u-Isabella Brown, intombi kaChristina (m.s. McKay) noDavid Brown. Kwathi kanti kudibene ukufa neyeza.

ALAN KIRKLAND SOGA (24 Novemba 1861 - 1938, eMzantsi Afrika)

tshintsha

Amagama okuqala ale ndedeba ngamagama abazali bakanina uJanet. Lo mfo ufunde ezomthetho, waza wasebenza kwamantyi eMthatha. Ekuhambeni kwethuba ube yi-editor yephepha laseMzantsi Afrika. Yena ke uvele watshata nentomi yomXhosa u-Ellen Mba wakuCentane. Unyana wabo u-De villiers Soga uye waba ngumfundisi waseRhabe.

ISABELLA MCFARLANE SOGA (10 KwekaCanzibe 1864 - 16 KweyeKwindla 1884)

tshintsha

u-Isabella lona yinkulu kwintombi ezizelelwe kuwo umtshato ka Tiyo no Janet. Usutywe kukufa enemininyaka elishumi elinesithoba ubudala.

JOTELLO FESTIRI SOGA (1865 - 12 KweyoMnga 1906)

tshintsha

Wafumana isiqinisekiso sokuba ngugqirha wezilwanyana eDick College, eEdinburgh ngo1886. Emva koko wabuyela eMzantsi Afrika apho wafika walwa kakhulu nesifo sezilwanyana ekwakusithiwa 'Ngulindipasi' u-rinderpest ngesiNgesi, ngo-1897. U-Jotello watshata ne nzwakazi uCatherine Watson Chalmers, baze bawongwa ngeentombi ezintathu; uCatherine, uMargaret kunye no-Doris.

FRANCES MARIA ANNA SOGA (10 KweyoMdumba 1868 - 20 KweyoMsintsi 1942)

tshintsha

JESSIE MARGARET SOGA (8 KweyoMdumba 1870 - 23 KweyoMdumba 1954)

tshintsha

lo ke ngumathunjana kanina, owathi enomnyaka omnye jwi, wasutywa kukufa uyise, uTiyo.

Kuyavakala ke okokuba kukho omnye umntwana ongazange alunge. Ngesiba sithi basibhozo bebonke abantwana bakaTiyo Soga.

Phambi kokuba alishiye eli ngo1871, wabashiya nomyolelo abantwana bakhe, ingakumbi kwaba wayefuna ukuba bafunde eScotland. Wabaxelela okokuba bangaze babeneentloni ngoyise ongumAfrika. Wayesoloko ebabongoza abantwana bakhe ukuba bangaze balilibale ikholwa lenkosikazi yaseScotland elingunina, umama io wayenomqolo, enyanisekile ekwakhuthele enenkathalo engummangaliso.