Ubawo uGovan Archibald Mvuyelwa Mbeki wazalwa Ngo 1910 EyeKhala 09 eMpukane eNgqamakwe ezalwa yiNkosi uSikelewu Mbeki no Johanna Mahala. Wanaso neteketiso esithi "Oom Gov"

Govan Mbeki
Govan Mbeki

Ungutata ka Thabo Mbeki owayesakuba ngumongameli wo Mzantsi Afrika. UGovan litsha ntliziyo lomzabalazo noNelson Mandela, noWalter Sisulu, noRaymond Mhlaba kunye namanye amaqhawe avalelwa nawo esiqithini esibizwa nge Robben Island ngenxa yetyala lase Rivonia. Wavalelwa ngo 1963-1987.

Ulishiye eli ngo 2001 kweyeThupha 30 esemzini wakhe eBhayi.