Ukufunda ngomzimba wezinto eziphilayo lisebe lezifundo ze-bayoloji elijongene nokuphicotha indlela ezidalwe ngayo neziphila ngayo izinto eziphilayo nobubuxhakaxhaka obenza okokuba ezi zinto ziphile. [1] Xa esi sifundo usijonga kwelinye icala, sinxulumele ne-embryology kunye ne-comparative anatomy, nekuyiyo kanye eyinzalelwane ekufuphi kwi-evolutionary biology kunye ne-phylogeny.[2] I-Human anatomy yenye yeziseko ze-nzululwazi yamamachiza. [3]

Eli sebe le-anatomy lahlulwe kubini kukho i-macroscopic kunye ne microscopic anatomy. I-Macroscopic anatomy, okanye i-gross anatomy, kukulolongwa nokuhlolwa kwamalungu omzimba wesilwanyana ngokujonga nje ngamehlo engancediswa nto. I-Gross anatomy ikwaquka isebe le-[superficial anatomy]]. I-Microscopic anatomy ibandakanya ukusetyenziswa kwezixhobo ze-optical kwizifundo zee-tissues eziziintlobo ngeentlobo, nezaziwa ngokuba zeyi-histology nakwisifundo see-cells.

Imbali ye-anatomy ibonakala ngokuthi kutyelwe phambili ngokuyiqonda imisebenzi yee-organs nangendlela owakhiwe ngawo nomile ngawo umzimba womntu. Nee-methods ziphuculwe ngokukhawuleza okukhulu, oko kubeka phambili ukuhlolwa kwezilwanyana ngokuthi kuqhaqhwe umzimba wesilwanyana esifileyo kunye nesidumbu (isidumbu somntu) kwinkulungwane yama-20 eminyaka yobuchwepheshe be-medical imaging kuquka ne- X-ray, i-ultrasound, kunye nemagnetic resonance imaging.

Imithombo tshintsha

  1. Merriam Webster Dictionary
  2. "Introduction page, "Anatomy of the Human Body". Henry Gray. 20th edition. 1918" archived from the original on 16 March 2007 retrieved 19 March 2007 
  3. Arráez-Aybar eyt al. (2010). Relevance of human anatomy in daily clinical practice. Annals of Anatomy-Anatomischer Anzeiger, 192(6), 341-348.