I- Nile (Isi-Arabic: النيل an-nīl) ngumlambo ose Afrika. Ngowona mlambo mde emhlabeni (malunga nama- 6,650 km or 4,132 eemayile), uhamba uye kungena kwi Mediterranean Sea kufuphi ne- Alexandria. Igama lawo lisuka kwigama lesiGrike elithi Νεῖλος Neilos.

Umlambo i-White Nile isuka eLake Victoria e-Uganda, uhambe ke nge-Sudan uyekungena e-Khartoum, apho uyakujoyinwa ngumlambo i-Blue Nile ukuze yenze umlambo i-Nile, uze ke ngoku wona uhambe nge Egypt. Umlambo i-Blue Nile uhamba nge-Ethiopia. Malunga nezigidi ezingama-300 zeemitha eziyiminqathana yamanzi ehamba esihla nge- Nile kusuku ngalunye.

I-Nile ibaluleke kakhulu kumazwe ehamba kuwo. Iidolophu ezininzi eJiphethe zakhiwe kufuphi nomlambo. Kananjalo ii-pyramid zikufuphi ne-Nile. Amanzi amaninzi ekukhuliswa ngawo izityalo eJiphethe afumaneka kwi-Nile, nanjengoko ubukhulu becala eli lizwe lithwaxwa yimbalela. I-Nile yayibaluleke kakhulu [[AmaJiphethe okuqala|kumaJiphethe okuqala. AmaJiphethe okuqala afumana i- papyrus kwi-Nile.

Iintlobo-ntlobo ezininzi zezilwanyana zihlala kula manzi aseNile okanye zihlale kufuphi nawo, kuquka iigwenya, iintaka, Intlazi nezinye ezininzi. Akuzozilwanyana kuphela ezixhomekeke kwiNile ukuze ziphile, kodwa nabantu abahlala phaya bayawafuna amanzi eNile ukuze benze izinto zabo zemihla ngemihla ezinjengokuhlamba impahla, njengoko amanzi efumaneka, egcina izityalo zingomanga kwaneminye imisebenzi.

Ii-‘’Pyramids’’ zazakhiwe kufuphi ne-Nile kuba bezidinga Isanti evela kwi-Aswan ukuze zithwalwe ngezikhephe ezithwala imithwalo enzima kwehliwe nazo kusiyiwa kwiNile.

Intsingiselo nembali yegama i-Nile tshintsha

 
ii-hieroglyphs

Igama elithi "Nile"livela kwigama lesiGrike elithi Neilos (

{{{ulwimi}}}
{{{map}}}
Amazwe {{{amazwe}}}
ISO 639
ISO 639-1 {{{iso1}}}
ISO 639-2 {{{iso2}}}
ISO 639-3 {{{iso3}}}

).[1] i-Neilos iveal kwigama elithi "river valley". Kulwimi lwesiJiphethe lwakdala-dala, i-Nile ibizwa ngokuba yi- Ḥ'pī okanye yiiteru, oko kuthetha ukuthi "Umlambo Omkhulu", imelwe Iimpawu nezibalo ezimele okubhaliweyo ezibonakaliswe ngakwisandla sasekunene (eziyi- itrw, kunye ‘'amanzi' determinative).[2] I-Coptic, amagama athi piaro (Sahidic) okanye phiaro (Bohairic) athetha ukuthi "umlambo" (lit. p(h).iar-o "the.canal-great") avela kwakweli gama lakudala.

Imithombo tshintsha

  1. indlela elipelwa ngayo ngesiGrike ithathwe kwiPocket Oxford Classical Greek Dictionary, 2002, ISBN 978-0-19-860512-6, p. 362
  2. What did the ancient Egyptians call the Nile river? Open Egyptology. (Accessed 17 October 2006)

  [[commons:{{{1}}}|{{{1}}}]]