Uphandolwazi "luyilo kunye nomsebenzi ocwangcisiweyo owenziweyo ukwandisa ulwazi ". [1] Ibandakanya ukuqokelela, ukulungelelanisa, nokuhlalutywa kobungqina ukwandisa ukuqonda umba, esibonakaliswe ngononophelo oluthile lokulawula imithombo yokuthatha icala kunye nephutha. Le misebenzi iphawulwa ngokunika ingxelo kunye nokulawulwa kokuthatha icala. Iphulo lophandolwazi linokuba kukwandiswa komsebenzi obusele wenziwe kwinkalo yemfundo. Ukuvavanya ukuthembeka kwezixhobo, iinkqubo, okanye imifuniselo, uphandolwazi lunokuphinda kwakhona izinto zamaphulo angaphambili okanye iphuloi lilonke.

Umphandilwazi ngumntu owenza uphando, ekusenokwenzeka ukuba avunywe njengomsebenzi ngokwesikhundla esisemthethweni . Ukuze ube ngumphandi wentlalontle okanye inzululwazi yezentlalo, umntu kufuneka abe nolwazi oluninzi ngezifundo ezinxulumene nenzululwazi yezentlalo abakhethekileyo kuzo. Ngokufanayo, ukuze ube ngumphandilwazi wenzululwazi yendalo, umntu kufuneka abe nolwazi lweenkalo ezinxulumene nenzululwazi yendalo (i-physics, i-chemistry, i-biology, i-astronomy, i-zoology njalo njalo). Imibutho yobuchwephesha ibonelela ngendlela enye yokukhula kumsebenzi wophandolwazi. [2]

  1. OECD (2015) Frascati Manual The Measurement of Scientific, Technological and Innovation Activities ISBN 978-9264238800 doi:10.1787/9789264239012-en archived from the original on 5 June 2020 retrieved 4 April 2020  Unknown parameter |url-status= ignored (help); Unknown parameter |hdl= ignored (help)
  2. Sha, Mandy (2019-05-14) "Professional Association and Pathways to Leadership in Our Profession" Survey Practice (in English) 12 (1) doi:10.29115/SP-2018-0039  Unknown parameter |doi-access= ignored (help)