iNdima yomntwana oyinkwenkwe kwa Xhosa

Umntwana oyinkwenkwe kwaXhosa uxabiseke kakhulu ngakumbi xa engowokuqala kowabo. Uthi mhla wazalwa kube luvuyo kube yimincili kwabakowabo ngoba kaloku bafumene indlalifa. Akhule ethandwa ngoba kaloku nguye oyakuvula umzi wase mathileni ajonge izinto zalo mzi mhla basweleka abantu abadala baloo mzi. Ashiyeke naloo misebenzi njeng'andoda yakhona nentloko yekhaya elo. Uyakuthi mhla woluka ke abe yindoda kuthi kanti wandile lo mzi ngoba kaloku uya kuzeka abeno mfazi oyakuthi azale abantwana abaya kuthwala igama lase mathileni ukuze lingafi okanye lingatshabalale ekuswelekeni kwabantu abadala baloo mzi. Ubone into entle mfondini xa esoluka esiya ebudodeni kubenguyeleyele, kubemnandi, babe bexhentsa oontanga bakhe bemvuyela kwaye bemkhapha esiya ebudodeni zibe zitsho ngeezibheshelo ezimhlophe qhwa iintombi zawo naloo mabele wabo ame nkqo zingombeli zikhokhotha, ab'engaxhents'amakhwenkwe ebil'emanzi. Uthi mhla oluka ngawo aye kuhlala emasimini into engangeenyanga ezimbini nang'aphezulu xa ebegeza, ze athi mhla abuyayo kuphinde kwenziwe umgidi oya kumamkela ekhayeni lakhe. Kugcwale kuze kuyalwa yena ezo kunikwa iingqondo zobuntu obudala.