Ukucazulula indlela umbhali abuzobe ngayo ubuthakathaka bukaMamQhinebe noMagatyeni ukuphuhlisa umxholo wale drama

indlala kuxa abantu belala bengatyanga ezindlini.Kuvelwe kuthiwe kwaXhosa Ikati ilele eziko kuba kaloku akukho nto ezakuphekwa ngumntu eziko. Indlala inamanyala. Igama indlala lithetha ukuba akukho kutya emzini ekunokuphekwa lusapho olo.

Unobangela

Abantu abaninzi abalapha kweli lase Mzantsi Afrika bakhula ngendlala kuba kaloku ukutya kunqabile,kwaye nemisebenzi inqabile.Unobangela wendlala kukunqongophala kwemi sebenzi kwaye abantu abaninzi baphila nge nkam-nkam nto leyo yenza abantu abaninzi baphele belamba.Xa abantu belamba ke kuye kubekho izinto ezenzekayo apha ekuhlaleni ngenxa yokulala kwekati eziko.Izinto ezifana nokwenyuka kwezinga lobudlobongela kwaye abantu baye baphele bethengisa ngobomi babo ebantwini kuba befuna ukufumana imadlana ukuze bakwazi ukulala betyile.

Abantu ababandakanyekayo kule ndlala ngabantu abasebenzisa imizimba yabo ngenxa yokuba befuna ukuba nemali ezakubondla emakhayeni abo. Le nto iye imoshe ubomi bomntwana kuba kaloku abanye abantwana baye bazalwe begula kwaye bengenawo amanzi emzimbeni ngenxa nje yokuba abazali babo kwakunzima nokuba bafumane nento le eya ethunjini kuba kaloku imali yokuba arente ngoba unxusile ayikho. Unqongophalo lokutya luye nalo ke lumenze umntu aswele ukuba abenobomi obude kuba kaloku umntu kunyanzelekile etyile ukuze akwazi ukuba namamndla ngalo lonke ixesha.Abantu abahlaselwa yindlala baye bangabina mali yokuba bathenge impahla ukuze bakwazi ukuba batyeukutya okuya egazini ngoko ke abantu baye basweleke kuba kaloku ubomi babo busesichengeni kwaye baye bagulele ibhokisi

Written by sisonke hashi