Uxinezelo lwengqondo: Ubalekela phi xa uziva udinga ukuphumla engqondweni?

Ilali yakwatshomane eNgcenduna, kwi doluphu yase Mqanduli, yindawo apha engekafiki ncam kwixesha esiphila kulo thina. Nangona ekhona amasuntswana empucuko kodwa lendawo isadla ngendebe ndala. Kule lali kunqabile kwa ukuba uve umculo okhalela phezulu, kuhleli kuvakala izandi zeengxangxasi zamanzi neentaka ezintyilozayo kumahlathi wakhona aluhlaza. Imfuyo yakhona isegazini, amanzi wakhona ayabaleka, kunqabile ukuba kutshe nemithombo, yilonto benefumfuyo ehlala isegazini.

eNgenduna, kuthi nokuba ihlobo sele lithwasele ubusika kungabonakali ngoba ingca yakhona ihlala iluhlaza, namahlathi wakhona akomi. Yindawo le enika umdla kakhulu kuthi thina bantu sihlala ezilokishini apho kungekho gcwangco nenzolo. Kulelali kunqabile nokuba uve ukuba bekukho isiganeko somntu othe wenzakaliswa, abantu balapha bahlalisene njengosapho. [1]

Kwi xa esiphila kulo kuxhaphakile kakhulu kuba umntu afunyanwe zizigulo zengqondo ezifana nesigulo esibizwa i Depression ngolwimi lwasemzini. Oku kwenziwa kukuba kude nendalo okanye ukulahlekana noxhumano nendalo. Umzekelo impepho yomlambo, umoya ohlambulukileyo wemithi yasendle, ngenxa yempucuko yokuhlala ezidophini ezigcwele abantu. Mandulo phaya, kwakunqabile ukuba umntu afunyanwe zezizifo kuba indawo zakudala zazikufitshane nemifula, amahlathi neentaba. Yayihlonitshwa kakhulu nendalo, nokutya kweloxesha ke kwakungafani noku kwa ngoku. Iimfonomfono zazingekho ezi namhlanje zidlala indima enkulu kuxinezelelo lwengqondo [2]

Indawo ezifana nelali yase Ngcenduna esadla ngendebendala zizo namhlanje athi umntu akubethwa ziinkxwaleko zobomi abalekele kuzo, kuba zizo ezisahloniphe indalo. Uninzi lwabantu xa bethwaxwe lilizwe okanye befunyenwe luxinizelelo lwengqondo babaleka bazokuzifihla kwiindawo ezinje. Ukanti abaneepokotho ezifumileyo bona baye batyelele iindawo zabelungu kodwa zibe zingohlukanga kulelali yase Ngcenduna ngokobume, umohluko nje kukuba zona zakhiwe ngokwexesha langoku. Phambili phaya zazingekho izibhedlele zokugcina abantu abaphethwe sisigulo se Depression, umntu wayethi akuziva esindeka aye emfuleni okanye aye entabeni kuba zezona ndawo kwakukholelwa ukuba uQamata usondele kuzo, nempiliso ke ifumaneka khona apho. [3]

Ngamafutshane iilali ezifana neyase Ngcenduna zizo ezisiqhakamishelanisa nendalo kunye nomoya ohlambulukileyo, ngoko ke kungakuhle ukuba zihlonitshwe. Iqonga lakho othetha kulo 20:40, 28 EyeKhala 2024 (UTC)

16 days of activism- ukuhlukunyezwa kwamanina nabantwana

tshintsha

Luthini olwakho uluvo ngalomba? ingaba yintoni ekumele siyenze ukuhlisa amanani ohlukumezeko lwamanina nabantwana?, ilele koobani ingxaki? ngubani ekumele athathe inyathelo? Otata ingaba bakhanyiselekile ngokwaneleyo ngohlukumezekho? Iqonga lakho othetha kulo 14:08, 20 Eye Nkanga 2024 (UTC)