Sanele Ntshingana
Archibald Campbell (AC) Mzolisa Jordan
tshintsha
UArchibald Campbell Mzolisa Jordan, umbhali wesiXhosa kwanengcali yeelwimi yasweleka eMelika, eMadison Wisconsin.
Ebutsheni
tshintshaUJordan wazalwa ngomhla we-30 kweyeDwarha kunyaka wama-1906 eMbokothwana mission station kwisithili saseTsolo sazeMampondweni. Wenze izifundo zakhe eMbokothwana mission phambi kokuba aye eSt John’s College eMtata, apho alungele khona ukuba yiTitshala. Emveni kokuba elungele ukuba yititshala, uqalelise umsebenzi wakhe wobutitshala eSt Cuthbert, apho afundise khona unyaka omnye waze watshatshela phambili ngengoMqeqeshi womculo.
Inkqubela-phambili yobomi bakhe ekubhaleni
tshintshaUJordan uye wahamba wayokufundisa eKroonstand High School apho efundise iminyaka eli-10 waze wonyulelwa ubuMongameli be-African Teacher’s Association. UJordan uqhubeke wayokufunda kwiYunivesithi yase-Fort Hare, apho afumane khona isidanga seBA ngomnyaka wama-1934. Kwisigaba sexesha lakhe ekwi-Yunivesithi yase-Fort Hare ubhale imibongo ethe yapapashwa kwi-Imvo Zabantsundu, iphepha-ndaba elalipapasha izimvo zabantu abantsundu. Omnye wemibongo yakhe yesiXhosa- owayengohlaselo lwaseTopiya ngumkhosi wamaTaliyane phantsi kukaBenito Mussolini, waduma kakhulu phakathi kwabalingani bakhe. Ngomnyaka wama-1942 uJordan wafumana isidanga sakhe sesibini kwiYunivesity yaseKapa. Ngowama-1945 uJordan waqalasisa ukufundisa kwiZiko Lweelwimi zeSintu kwiYunivesity yaseKapa.
Elubhacweni
tshintshaUJordan uye wabanguMphimiseli otyand’amadlal’enqubo zobuhlanga zoRhulumente wocalu-calulo. Ngenxa yoko, uRhulumente wala ukumnika ipasi xa ethe wanikwa iCarnegie bursary ukuze aqhube umsebenzi wophando eMelika. Uye wandula wamshiya uMzantsi Afrika ngeempepha-mvume zophum’aphele ngelizwe.
Uye wenziwa uNjingalwazi kwizifundo zeeLwimi zeSintu noNcwadi kwiKhampasi yaseLos Angeles ye-Yunivesity yaseCalifonia apho axelengele khona. Uye wemka waya kwiYunivesithi yaseWisconsin eMadison, apho asweleke khona ngomnyaka wama-1968.
Emva kokusweleka kwakhe, inoveli yakhe Ingqumbo Yeminyanya (the The Wrath of the Ancestors) yapapashwa ngesiNgesi iyi- The Wrath of the Ancestors ngowama-1980, yaguqulelwa kwisiBhulu yayi- Die Toorn van die Voorvaders nakwisiDatshi yayi- De Wraak van het Voorgeslacht ngowama-1990 nowama-1993 ngokulandelelanayo. UJordan uye wabhala kananjalo, isifundo esiket’amadlal’oncwadi lwesiXhosa esapapashwa ngowe-1972. Kunyaka olandelayo, igqokelela yakhe yamabali amafutshane esiXhosa i-Kwezo Mpindo zeTsitsa aguqulelwa kwisiNgesi phantsi kwesihloko eisthi Tales from Southern Africa. Ekuboniseni igalelo lakhe loncwadi kuncwadi lwaseMzantsi Africa, uJordan wawonga engasekho emhlabeni isidanga sobugqirha kwezoncwadi yiYunivesithi yasePort Elizabeth ngowama-2004. Ngomnyaka wama-2005 uRhulumente waseMzantsi Afrika naye wamuwonga ngembasa yembheko yeGolide i-Order of Ikhamanga ngegalelo lakhe elingenamlinganiselo kwezoncwadi.
Imithombo yolwazi
tshintsha• Phyllis N., (1993), A life's mosaic: the autobiography of Phyllis Ntantala, (University of California Press), pp. 106-115 • Kirsch B., Skorge s. & Magona S., (2001), Clicking with Xhosa: a Xhosa phrasebook, (David Philip Publishers), p.72 - See more at: http://www.sahistory.org.za/dated-event/archibald-campbell-mzoliza-jordan-xhosa-writer-and-linguist-dies#sthash.IzBVl17X.dpuf
Share your experience and feedback as a Wikimedian in this global survey
tshintshaHello! The Wikimedia Foundation is asking for your feedback in a survey. We want to know how well we are supporting your work on and off wiki, and how we can change or improve things in the future.[survey 1] The opinions you share will directly affect the current and future work of the Wikimedia Foundation. You have been randomly selected to take this survey as we would like to hear from your Wikimedia community. To say thank you for your time, we are giving away 20 Wikimedia T-shirts to randomly selected people who take the survey.[survey 2] The survey is available in various languages and will take between 20 and 40 minutes.
You can find more information about this project. This survey is hosted by a third-party service and governed by this privacy statement. Please visit our frequently asked questions page to find more information about this survey. If you need additional help, or if you wish to opt-out of future communications about this survey, send an email to surveys@wikimedia.org.
Thank you! --EGalvez (WMF) (talk) 20:51, 13 EyoMqungu 2017 (UTC)
- ↑ This survey is primarily meant to get feedback on the Wikimedia Foundation's current work, not long-term strategy.
- ↑ Legal stuff: No purchase necessary. Must be the age of majority to participate. Sponsored by the Wikimedia Foundation located at 149 New Montgomery, San Francisco, CA, USA, 94105. Ends January 31, 2017. Void where prohibited. Click here for contest rules.
Your feedback matters: Final reminder to take the global Wikimedia survey
tshintsha(‘’Sorry to write in English’’)
Hello! This is a final reminder that the Wikimedia Foundation survey will close on 28 February, 2017 (23:59 UTC). The survey is available in various languages and will take between 20 and 40 minutes. Take the survey now.
If you already took the survey - thank you! We won't bother you again.
About this survey: You can find more information about this project here or you can read the frequently asked questions. This survey is hosted by a third-party service and governed by this privacy statement. If you need additional help, or if you wish to opt-out of future communications about this survey, send an email through EmailUser function to User:EGalvez (WMF). About the Wikimedia Foundation: The Wikimedia Foundation supports you by working on the software and technology to keep the sites fast, secure, and accessible, as well as supports Wikimedia programs and initiatives to expand access and support free knowledge globally. Thank you! --EGalvez (WMF) (talk) 07:30, 23 Eyo Mdumba 2017 (UTC)