Inkomo sisilwanyana isixatyisiweyo ngabaNtu. Wonke umntu uyayifuya inkomo kuba isisilwanyana esikwaziyo ukusebenza, umzekelo iinkomo ziyabotshwa kulinywe ngazo emasimini, siphinde sifumane ubisi, inyama nofele. Inkomo inamaphondo amabini phezu kwentoko ayinceda ukuzonwaya nokuzilwela kwezinye iinkomo. Inkomo sisilwanyana esixhaphakile kwaye sixatyisiwe ngabantu senza izinto ezininzi ezinjengokulobola umfazi, ukwenza amasiko njalo-njalo. Inkomo ezeleyo ibizwa ngokuba yimazi kanti engekazali lithokazi. Inkomo engekathenwa yinkunzi kuba iliduna ukanti yakuthenwa kuthiwa yinkabi. Umntu ofuye inkomo kufuneka abe nenkunzi enye esibayeni sakhe, kuba xa zininzi ziyahlabana kungade kufe enya yazo xa zisilwa kuba inkunzi nayiphi na inenkani,ayivumi ukubethwa yoyiswe yenye.Inkabi yinkomo elulamilayo evuma nokusetyenziswa, ikwayiyo ixhelwayo xa kusenziwa umcimbi. Amanqina ayo mane alungiselelwe ukuhambahamba, nomsila wokuphekuza.

Imisebenzi yofele lwenkomo

Ufele lwenkomo lubizwa ngokuba sisikhumba, esi sikhumba xa sisuswe kakuhle xa kuxhelwa singayingubo yokwambatha- xa kulalwa, kungenziwa umbhaco womfazi womzi, ingayingubo yentlabi yekhaya, kungeziwa iintambo zokubopha iinkomo xa zisiya kulima emasimini naxa kuthotywa umkhumbi womfi edlakeni kusebenza kwa ezi ntambo. abantu kule mihla sebenxiba izihlangu ezenziwe ngofele lwenkomo kuba lomelele, lusukiwe ukuze kungasiki iinyawo.

Iindidi zeenkomo

kukho iindidi zenkomo ezahlukeneyo, kukho inkomo yobisi, neyenyama.

Inkomo yobisi kuthiwa yintsengwanekazi kuba isoloko ibhongxise imibele ngokungathi ingagqabhuka kukuzala lubisi, olu hlobo kuhiwa yiJezi. Umbala wayo unco, lo ngumbala omhlophe namnyama, uba zizibhaxu apha efeleni lwenkomo. Indlela yokusenga iyafana kwizizwe ngezizwe. Kodwa ke zikhona iindawana ekuye kubonakale umahluko. Umzekelo sakuqaphela ukuba ambelusi namachule okusenga xa esenga ayivela inkomo kwicala lasekunene, ngeli xesha abanye abantu bezinye izizwe beyivela ngasekhohlo inkomo xa beyisenga. Enokuba kusetyenziswa eyiphi indlela yokusenga, isilwanyana sobisi, siye siyiqhele into yokusengwa kwelo cala linye, ngumsengi omnye. Ukuze kufumaneke ubisi olunempilo, kufuneka isilwanyana sibe sempilweni entle nomsengi abese mpilweni entle. Ukuze imazi ibe sempilweni entle, kufuneka ifumane ukutya okulungileyo, amanzi nendawo esithileyo emoyeni obandayo, ifumane ikhuse kwimvula kwakunye nomthunzi kwakuba kushushu. Xa imazi yenkomo igodola, ukutya ekufumanayo, kuguqulwa ngumzimba kube yinto yokudala ubushushu endaweni yokwenza ibisi, ntoleyo ethi yenze ukuba ibisi oluveliswa yinkomo lube luncinci ebusika. Iimazi kufuneka zixilongwe iminyaka yonke ukuba azinaso isifo sephepha kwakunye nesifo sokuphunza amathole engekazalwa. Zozibini ezi zifo zikhankanywe apha ziyasulela oko kukuthi siyasuka esilwanyaneni ziyokutsho ebantwini. Zonke izilwanyana kufuneka zifakwe inaliti yokukhusela isifo sespleen, samatakane nesifo kwizilwanyana ezincinci samanqina abolileyo. Ngaphezu koko kufuneka iimazi ezincinci ezingekazali zifakwe inaliti yokukhusela isifo sokuphunza esosulelayo. Ughirha wezilwanyane ka Rulumente okanye umcebisi ofundele izifo zezilwanyana, uyakubanakho ukukucebisa ngezifo ezifana nomanzabomvu kwakunye nesifo senyongo ezilwanyaneni.

Yeyiphi eyona ndlela yokusenga enokuvelisa olona bisi luninzi?

Kubalulekile ukuba siqwalasele la manqaku:

Umsengi angayonakalisa imibele yemazi yenkomo Imazi asokuze ihlise ubisi xa ixheshwa , ileqwa ibotshelelwa Mayingabikho ingxolo ngexesha lokusenga koko umsengi angasuka akhalise umlozi omnandi ukuze imazi yenkomo iphelaphule intsholwana emnandi ze ivelise ubisi oluninzi. Ukusenga ngamaxesha ohluka hlukeneyo kusenokwenza ukuba imveliso yobisi yehle Ukuba imazi isengwa phantsi kweemeko ezizolileyo, iphathwa kakuhle ngexesha lokusenga kwaye umsengi uyakhawulezisa esenga kakuhle, inkomo iya kuvelisa ubisi oluninzi. Ngaphezu koko into yokuwahlikihla amabele enkomo nokuwahlamba iyayenza ukuba inkomo ikhawuleze ukwehlisa. Khumbula ukuba uhlambe izandla emva kokuphulula imibele phambi okuba usenge. Inkomo ephethwe ngokuzolileyo ayinasidingo sokubotshwa amanqina. Ubisi kufuneka licudiswe ukuphuma embeleni, ungatsalwa umbele. Ukuba umsengi usenga kakuhle, ayikho imfuneko yokusebenzisa izinto eziqatywa embeleni. Umsengi kufuneka kwakhona ayiqwalasele inkangeleko yemazi yenkomo. Ukuba amathanga wemazi agcwele uthuli, ubulongwe okanye udaka, kufuneka isulwe okanye kusetyenzizwe into yokukhuhla. Uboya obude kulendawo inemibele kufuneka buchetywe. Kwaphinda kufuneka ibele lihlanjwe ngamanzi afudumeleyo ze lisulwe ngelaphu elicocekileyo. Ibele lenkomo libanjwa ngesandla sonke ize ibisi litsalwe ngeminwe ukuze liphume, le nto ifana nqwa nento eyenziwa lithole kuba kaloku ithole lithatha umbele kanina liwufake wonke emlonyeni lakugqiba litsale ubisi ngolwimi.








Ukusenga ngokwe ndlela ekhuthaza impilo, kukuthi ubisi luphume kwiinkomo ezicocekileyo, ezizolileyo ezisengwe ngabasengi abacocekileyo, besengela kwi emele ezicocekileyo, ize emva koko olobisi lugcinwe lucocekile lubanda de kufike ixesha lokuba malusetyenziswe. I emele kwakunye nomcephe webisi kufuneka zihlanjwe emva kokusetyenziswa ngamanzi acocekileyo. Emva koko, kufuneka ziphinde zihlanjwe ngamanzi abilisiweyo adityaniswe nesoda engumgubo. Umzekelo ikomityi egcwaliswe kanga ngesiqingatha (1.5) ye soda idityaniswe ne 10 litre yamanzi.

Xa kubonakala ukuba amanzi akathembakali ukuba acocekile, kusenokuqinisekiswa ngococeko, ngokuthi umntu agalele amacephe amabini ejik kwi 10 litre yamanzi, umxube onjalo kufuneka uyekwe ume kanga ngemizuzu elishumi uzokudibana kakuhle. Emva kokuba I emele nomcephe zicocwe kakuhle, kufuneka ezizixhobo ziqutyudwe zizokoma. Ingakhiwa indawana yokuxhoma ezizinto engazukufuna imali nomsebenzi omninzi.

Amalaphu okusula ubisi, amalaphu okusula izitya neefayidukhwe kufuneka zihlanjwe roqo emva kokuba kugqhitywa ukusenga, zikhanywe ngononophelo zithathwe emva koko zihlaliswe emanzini ane jik ukwenzela ukuba iintsholongwane zibulawe ziphele. Ubisi emva kokuba lusengiwe lungasefwa ngefayidukhwe ukwenzela ukuba izibi zishiyekele ngemva.



Refrenc[1]es

  1. Bickley, H.D. (1983) "Cooling of electronic equipment" Electronics and Power 29 (5): 386 ISSN 0013-5127 doi:10.1049/ep.1983.0178 
Bull and cows, Bickley Mill - geograph.org.uk - 828715