Iqakamba ngumdlalo odlalwa ngamaqela amabini apho kugityiselwayo kubuye kubethwe. Iqela ngalinye linabadlali abalishumi elinanye odlalwa kwibala elimbhoxo. Elinye iqela liya betha, lizama ukufaka amanqaku kangangoko linako, ngoxa elinye lijula kwaye ligadile, lizama ukukhupha iqela elibethayo. Inqaku lifakwa xa imbethi ibethe ibhola ngophini ze ibaleke iyokufika kwelinye icala lebalana ze achike umgca ngaphandle kokukhutshwa. Lamaqela anikana ithuba lokugada nokubetha kube kukuphela kwamangeno.