Joe Slovo Park

tshintsha
 

I Joe Slovo Park yidolophu yaseKapa, ifumaneka ngaphakathi kwe Milnerton ne Montargu Gardens.

Imvleaphi Yase Joe Slovo

tshintsha

I Joe Slovo Park yiLokishi encinane eyenziwa ukususa amaTyotyombe ase Marconi Beam kwakhiwe idolophu. Kodwa ke ngoku akho mehluko phakathi kwe Joe Slovo nalamatyotyombe ase Marconi Beam. Elinye icala lase Joe Slovo, I Mshini wam, ithiywe ngengoma yomzabalazo 'Umshini wami', ingoma ethandwa ukuculwa ngu Jacob Zuma xa efuna ukuVotelwa abenguMongameli wase Mzansi Africa. Yaqala ukwenziwa ngo 2006 endaweni ekwakukho izindlu ze RDP(Reconstruction and Deveopment Program). IMshini wam yatshiswa ngumlilo. Kwatsho kwaqalelwa phantsi ukwenziwa ngo 2012.[1][2][3]

IJoe Slovo ithiywe emva kwe qhawe uJoe Slovo owayengu Ngqongqoshe wezindlu zase Mzansi Africa. Ize ingafaniswa ne Joe Slovo ekwa Langa, Ekapa.

Indlela ezibekwe ngayo izindlu

tshintsha

I Joe Slovo ngumxube weZindlu nama Tyotyombe angase Montague Gardens e Milnerton. I Joe Slovo ingase Canal Walk ivenkile enkulu apha eKapa.

Ingxabano

tshintsha
 
Ntsika 'prince Lain' Kellem lived in Joe Slovo Park. He was a graduate of Sinenjongo High School who was interested in chess and was studying computer science at a school in Cape Town. On 14 March 2014 he died in an auto accident. Many students at Sinenjongo High School had campaigned for free access to Wikipedia with Wikipedia Zero. For more about that Wikipedia Zero initiative and Sinenjongo, including Ntsika, see this blog post. In particular, see this video, where he talks about how Wikipedia would help him and his friends. enwikicommonswiki

Kukho uxinizelelo olukhulu ngoba kukho abantu abafuna ukwakha izindlu zabo kumhlaba ongenanto. Ngo okthobha 2012 abantu abangavumeliyo ukuba kwakhiwe kumhlaba uphethwe yi dolophu yas'Ekapa bafika basusa izindlu zabantu, lento yenza ukuba abantu base Joe Slovo baToyitoye. Ngo 2014 abantu base Joe Slovo babona indawo engase Sinenjongo High School bokha izindlu zabo kwaze uRhulumente wohluleka ukubasusa, ngoku iSinenjongo High school inabamelwane ngasesikolweni abangxolisa umculo mihla ngemihla bephazamisa abafundi abakwibanga lesi-11.

Iizakhiwo

tshintsha

Ezemfundo

tshintsha

inezikolo ezimbini enye yazo yi Sinenjongo High School enye ibeyi Marconi beam public Primary School. I library ekufuphi yi Milnerton Library.

Ezempilo

tshintsha

Indawo ekufitshane yezempilo ise Elbow-Gardens (yikliniki yesihlali) eBrooklyn Milneron, iBrooklyn izikhilomitha ezine xa usuka e Joe Slovo. IMedi-Clinic ese Milpark Milnerton (ikliniki efihlakeleyo) yona ingamakhulu asiBhozo xa usuka e Joe Slovo.

ezokhuseleko

tshintsha

Ezinye izindlu ezise Joe Slovo zikhuselwe zinkampani zokhuseleko. Kodwa ke izindlu ezininzi zixhomekeke kumaPolisa ase Milnerton. Kukho amaPolisa ajonga I Joe Slovo iimini nobusuku. Indawo yamaPolisa ekufuphi ingase Seven Eleven kufuphi ngase Centre Point. akukho zicimamlilo e Joe Slovo, ekufuphi yiMilnerton Fire station.

Iiofisi zikarhulumente

tshintsha

Kukho iholo lomphakathi eJoe Slovo. Udonga ngaseholweni lwalupayintiwe ngabafundi ababefunda ibanga leshumi elinambini nge Mandela Day ngo 2013. Kukho iofisi kaMasipala ekufuphi ngase Joe Slovo; ingase Milnerton Library.

Imifanekiso

tshintsha

referensi

tshintsha
  1. "No more white elephants: Mshini Wam community architects assisted by University of Botswana planning students" South African SDI Alliance 2012-03-01 archived from the original on 2014-07-14 retrieved 2014-06-14 
  2. "Preparation Phase Website" Wp.wpi.edu retrieved 2014-06-14 
  3. Charlton Ziervogel (2012-07-13) "Re-designing the city one shack cluster at a time" Sdinet.org archived from the original on 2014-07-14 retrieved 2014-06-14 

  Joe Slovo Park