Kansai Plascon
{{subst:AFC submission/draftnew}}
Ishishini | lePeyinti |
Lasekwa | Ngo-1891 |
UNdlunkulu | eSandton, eJohannesburg |
Abantu abaphambili | NguNauman Malik (yiCEO) |
Ingeniso | Zizigidi ezi-R 2 765 ngonyaka (kunyaka ophela ngoSeptemba ngo-2010) |
Abasebenzi | Bamalunga nama-2000 |
Imveliso | Iipeyinti, iibrashi neefila |
Icandelo | LeDecorative Coating, le-Performance Coating, le-African Operations (loMaleko wokuhombisa, Umaleko womsebenzi, Imisebenzi yakwaNtu) |
Unozala | YiKansai Paints Ltd., eJapan[2] |
IWebhusayithi | Yiwebhusayithi esemthethweni |
Imbali yeKansai Plascon iqale kwizitalato zaseJohannesburg, eMzantsi Afrika. Ngo-1889, indoda enamabhongo yaseWales entetho isisiWelsh, egama linguHerbert Evans iye yavula iingcango zevenkile ethengisa ipeyinti. Ishishini liye lenyuka ngenxa yokuqaliswa kweshishini lokwakha elidale amathuba okuba i-Evans ibuye ibe lishishini elivelisa ipeyinti. Ngo-1891, iHerbert Evans (ubunini) Limited yaba ligama eliqhelekileyo ngenxa yemveliso eqalisa izinto ezintsha ezifana “neepeyinti esele zixutyiwe” kunye nevanishi “Engcono engaqinanga”.
Ngo-1949, u-Evans uye walandisa ishishini lakhe ngokubonelela ethengisela ishishini leemoto iipeyinti. Intsebenziswano neChrome Chemicals i==ye yenziwa ukudala uphawu olutsha lwePlascon[4] eye yathengwa nguBarloworld ngo-1970. Kuthe kamva le nkampani yaziwa njengeBarloworld Coatings. Phakathi kuka-2004 no-2006, uBarloworld Coatings uqalise ngokuthenga izinto ezithandwayo wafumana iingcaphephe kwezijongene nemibala, iNkampani yeMibala yamazwe ngamazwe i-International Colour Company, eyenza iibrashi, iHamilton Brush nenkampani elenza iipeyinti zokwenza kubekuhle, iMidas Earthcote. Ezi zinto zifumanekayo zenze baba baninzi abathengi bakwaBarloworld Coatings neenkonzo zabo zanda. Ekupheleni kuka-1990, uBarloworld Coatings uye wafikelela nakwezinye iindawo zase-Africa, e-United Kingdom nase-Australia ebonelela ngeepeyinti ezenza kuhle, zefenitshala nezeemoto nezamashishini.
Ngo-2007, uBarloworld Coatings wathatha inyathelo elikhulu lokuba afakwe kuluhlu lweJohannesburg Securities Exchange (ngelo xesah yayisaziwa njengeJohannesburg Stock Exchange). Ifakwe kolu luhlu iphantsi kweFreeworld Coatings Limited ngokweziko elisemthethweni[5].
Impumelelo eye yakhula nemveliso entsha itsale umdla weshishini laseJapan iKansai Paint Co. Ltd (“Kansai”). Ziibhiliyoni ezi-1.8 billion ngokweRandi yaseMzantsi Afrika, iKansai iye yafumana iFreeworld Coatings Limited ngo-2011[6]. Kwakuloo nyaka mnye, le nkampani yaye yafakwa kuluhlu olukwiJohannesburg Stock Exchange[7].
Ngo-2012, kwaye kwathathwa isigqibo ngabalawuli bokuhlengahlengisa izinto ngenye indlela kwiFreeworld Coatings, kwavulwa inkampani entsha enegama elitsha elaziwa ngokuba yiKansai Plascon.
Ubume benkampani
tshintshaIGosa eliPhezulu lesiGqeba iCEO: | nguNauman Malik |
IGosa eliPhezulu leMali iCFO: | nguNeil Davies |
I-COO: | nguGary Van Der Merwe |
UMlawuli wesiGqeba kuCwangciso lweShishini: | nguDoug Thomas |
IsiGqeba seQela elijongene nezabasebenzi: | ngu-Alan Singh |
UMlawuli wesiGqeba weDecorative Coatings: | nguTrudi Neill |
IsiGqeba seQela elijongene nePerformance Coatings: | nguDominic Watson |
UMlawuli wesiGqeba weMisebenzi yezakwaNtu: | ngu-Ebrahim Mohamed |
UMlawuli wesiGqeba wezobuGcisa nezokuFunwa nokuFunyanwa kwezinto: | nguCarlos Costa |
Imveliso yakwaPlascon
tshintshaI-Plascon ibenemveliso elolu hlobo lulandelayo following [8]: Eyangaphakathi, Eyangaphandle, Imveliso eluhlobo olulodwa, Engangeni mvula namanzi, Ukufakwa kwepeyinti okokuqala nePeyinti efakwa ngaphantsi, uhlobo lweCrown, imveliso ephumeza iziphumo zepeyinti, iPolycell, iWood, iMetalcare neRemovall. Utyalo-mali lweshishini kwezentlalo (iMA)
I-Plascon ibandakanyeka kwiiprojekthi ezininzi zotyalo-mali kwizinto zentlalo. Ezinye iindawo eziphambili ezifumene isibonelelo nenkxaso kule nkampani ziquka:
I-I ART JOBURG
tshintshaIprojekthi ethathe inyanga namachule okuzoba amahlanu adumileyo elizweni nabachukumise iMaboneng Precinct kwisithili esikwisazulu sezobugcisa eJohannesburg[9][10].
I-FOODBANK SA
tshintshaNgo-Julayi ka-2012, uPlascon uye wabonelela iFoodBank SA (yaseMzantsi Afrika) ngemali yendawo yokugcina izinto isitoro – esiza kwanela ukuba bandies ukutya abakugcinayo ngama-50%. Eli ziko belijongene neetoni ezili-100 zokutya kwinyanga nganye, lunikezela ngeepasile zokutya okunezakha-mzimba kwii-arhente ezingama-250 (imibutho engajonganga ngeniso) eseKapa, eMzantsi Afrika. Isotoro esitsha siza kwenza iFoodBank SA ijongane neetoni ezili-150 zokutya kwabo baxhamlayo kuyo[11].
IVEKI EQAQAMBISA EZENZULULWAZI KWISIZWE
tshintshaI-Plascon ixhasa iVeki eqaqambisa ezeNzululwazi ngokwenza iPaint Your World Science Café njengenxalenye yenkqubo yeVeki eqaqambisa ezeNzululwazi iScifest Africa eseRhini, eMzantsi Afrika[12].
I-ROCK GIRL “SAFE SPACES”
tshintshaIphulo leRock Girl “Safe Spaces” linyathelo loluntu kwezobugcisa eliqhelekileyo nelifundisayo elivuselela nelikhuthaza iindawo ezikhuselekileyo kumantombazana nakubantu ababhinqileyo abaseMzantsi Afrika. Ngentsebenziswano namagcisa kwezokuzoba baseMzantsi Afrika nabayili bezinto, iRock Girl idala kwaye imisela uphawu oluthile olungumqondiso “kwiiNdawo eziKhuselekileyo” kwiindawo eziseKapa[13].
I-Plascon, “i-Africa iyahlangana” (Africa meets Africa) iyasebenzisana kwimathematika kusetyenziswa iprojekthi yezobugcisa
tshintshaKwilungu lePlascono kwezoShishino nezobuGcisa iBusiness and Arts (iBASA), lithuba lokuba negalelo kwiprojekthi ehleli ixesha elide elidibanisa umtsalane kwezibonakalayo nezamafa enkcubeko nemfundiso, zibonakalise into ethembisayo xa zidityanisiwe[14].
Iimbasa
tshintshaNgo-2012 iPlascon yaseMzantsi Afrika ibethe abanye abagqatswa abasibhozo ngokuba ibeyiNkampani yePeyinti yoNyaka kwiiMbasa zezithathu zeShishini leeNdaba zokuRhweba zeDIY[15].
Ngo-2012 iPlascon yaseMzantsi Afrika ibethe abanye abagqatswa abasibhozo ngokuba ibeyiNkampani yePeyinti yoNyaka kwiiMbasa zezithathu zeShishini leeNdaba zokuRhweba zeDIY zango-2012 ebezibanjelwe eMoyo eZoo Lake, eJohannesburg[16].
Ngo-2007, imbasa yokuqala zezobuchwephesha kwezamaso iCashmere’s Vesiculated iye yanikezelwa kwiPlascon liSebe lezoRhwebo nezoShishino. Ubuchwephesha bezamaso bokuqala beVesiculated benziwe liZiko loPhando leKansai Plascon eliseStellenbosch elivumele ukuba iCashmere ikwazi ukuhlambeka, kodwa ihlale ingabengezeli, ngaxesha-nye inciphise amandla kokusingqongileyo [17].
ISALATHISO
tshintsha- ↑ "Kansai Plascon IWebhusayithi" archived from the original on 2022-01-18 retrieved 2021-10-18
- ↑ "IWebhusayithi Kansai Paints Ltd., Japan" archived from the original on 2015-02-17 retrieved 2013-02-24
- ↑ "Plascon Imbali" archived from the original on 2013-01-31 retrieved 2013-02-24
- ↑ "IWebhusayithi Plascon"
- ↑ "IWebhusayithi kweFreeworld Coatings" archived from the original on 2013-02-05 retrieved 2013-02-24
- ↑ "Competition Tribunal approval of the large between Kansai Paint co. Ltd and Freeworld Coatings Limited"
- ↑ "De-listing of Freeworld Coatings from the JSE"
- ↑ "Plascon products segments" archived from the original on 2013-01-31 retrieved 2013-02-24
- ↑ "I ART JOBURG"
- ↑ "i-art-joburg" archived from the original on 2013-02-11 retrieved 2013-02-24
- ↑ "Food Bank warehouse project" archived from the original on 2013-10-02 retrieved 2013-02-24
- ↑ "Plascon supports National Science Week"
- ↑ "safe spaces"
- ↑ "Plascon: Ndebele art to explain Pythagoras's Theorem"
- ↑ "Paint company of the year 2012"
- ↑ "Paint company of the year 2012"
- ↑ "The 2007 Innovation Award Winer (DTI)"