Ngokwesilungu, Inkedama ngumntwana ongenabazali.  Oku ke kungabangwa kukuba abazali bakhe baasweleka okanye baamlahla/ abamfuni. Ngenxa yezi meko iinkedama zihlala kwikhaya lazo ekuthiwa ngumzi weenkedama, okanye i-orphanage, kulapho abantwana abangenabazali bahlala khona.  Abantwana abaninzi abahlala kweli khaya lee nkedama bakhuliswa ngumntu okanye ngabantu ababini. 

Iinkedama, nguThomas Kennington.

Unobangela tshintsha

Ngamanye amaxesha abazali bayagula bade bafe babe abantwana babo bona besebancinane, kuze kuthi ke xa kungekho sizalwane sabo sizimisele ukubakhulisa, zibe zingenakho kwaphela ukwenza oko, bakhuliswe kwikhaya leenkedama abantwana. Xa beliqela abantwana, umzekelo, oodade nabanakwabo beshiyeke beziinkedama, ngokwesiko lesilungu bayohlulwa; omnye umntwana asiwe kolunye usapho; ngeli lixa omnye eshiyeka kweli khaya leenkedama.  

Maxa wambi basenokungabhubhi abazali, ntonje bangabinamisebenzi  namali, baze ke ngoko ngokwesiko lesilungu, babalahle abantwana babo kuba bengenakukwazi ukubakhulisa. Abazali bangafikelela kwisigqibo sokokuba ukuba kungakho mntu wumbi onokubakhulisa aba bantwana, mhlawumbi bangatsho babenekamva eliqaqambileyo kwixa elizayo. 

UKunceda iinkedama   tshintsha

Kumazwe maninzi athwaxwa yindlala  iinkedama zisoloko zibonwa zidwakasa  zicela zicela amalizo e-mali nokutya; abaninzi basenokungayi nasesikolweni. Akukho nzame zingakanani ezenziwayo zokubanceda kula mazwe angathathi ntweni.   

Kodwa kumazwe ekuhluthwayo kuwo,   imibutho kwanamaziko amaninzi ayazinceda iinkedama  aze aphinde ancede abazali ngonyango xa begula okanye mhlawumbi xa behluphekile, ukuze bangabalahli abantwana babo. Imibutho enje ngeecawa neenkonzo zasekuhlaleni, ziyabancedisa.  

Imbali yeenkedama   tshintsha

Abalinganiswa abaninzi kwiincwadi nakwimidlalo bhanya-bhanya, bebesoloko bedlala indima yeenkedama,  imidlalo efana no-Oliver Twist, u-David Copperfield, u-Annie, u-Batman, kunye no-Harry Potter.

Imithombo tshintsha