Thornhill Ntabethemba
Thornhill yilali ephantsi komaspala wasek'hlaleni iEnoch Mgijima kwisithili iChris Hani District Municipality kwiphondo leMpuma Koloni eMzantsi Afrika. Ngaphambi konyaka ka 1994 lelali yayiphantsi kwe Ciskei Homeland. IThornhill yeyona lali inkulu eNtabethemba
Imbali
tshintshaNgonyaka ka 1976 abantu abaqikelelwa kuma 30000-50000 bafuduka kwiilali ezinga 23 eSterkspruit nase Herschel besiya kumhlaba ekwakungekho-nto iThornhill. Esinye sezizathu esabangela ukuba lenginginya ifuduke yayikukuba kwakungekho mhlaba owaneleyo, kukho ukhukhuliseko lomhlaba kwaye kwakukho abantu abaninzi eHerschel.
Ngaphambi kokuba abantu bafudukele eThornhill bathenjiswa nguMnu Uys ukuba bazak'fumana umhlaba ochumilyo, izindlu kunye namaziko empilo, kodwa bathi xa befika eThornhill akwabikho nenye yezizinto, ntonje bafika kugxunyekwe iintente nezazingabonelanga. Imeko zabanzima kakhulu kwiinyanga zok'qala, kungekho zindlu kwaye nemfuyo yafa ngenxa yokungondleki. Ngenyanga ka Januwari 1977 kwabakho iingxelo zokuba iintsana ezilishumi ziswelekile kodwa nangona kunjalo abantu baqhubeka behlala kulendawo.[1]
Ubuyekezo lomhlaba
tshintshaNgonyaka ka 2013 usekela mphathiswa wophuhliso lwamaphandle nobuyekezo lomhlaba umama uPamela Tshwete wanikezela nge R390 million kubantu abangama 3043 base Ntabethemba. Kwisiqingatha sokuqala kwakhutshwa imali engama R137 345 350,59, umzi ngamnye kwimizi engama 1071 yafumana i R128 240,29. Abantu abaxhamlayo kulemali bahlala kwilali zase Ntabethemba eziquka iMerino Walk, Thornhill, Mitford, Baclesfarm, Tentergate, Thembalethu, Rockland's, Zola, Phakamisa, Ikhwezi, kunye nase Congca[2]
Imfundo
tshintshaEzizikolo zifumaneka kulelali:
•Inyathi High School
•Thornvale Primary School
•Nonzwakazi Primary
•Mthombo-wesizwe Primary School
•Hlalethembeni Primary School
Amavundle Senior Secondary School
Uqoqosho
tshintshaLelali izinze phakathi kwe Komani ne Tarkastad. Lelali ixhomekeke kwezidolophu ngenkonzo kwaye zombini ezidolophu zidlala indima ekuveliseni imisebenzi. Kodwa ngenxa yenani labantu abafumaneka kule lali imisebenzi kunzima ukuba ifumaneke , lonto iqhubela ekunyuseni inani lolwaphulo mthetho kunye nezinga lokuphila elisezantsi kakhulu
LO
Imithombo
tshintsha- ↑ a b "The Implications of Freedom: The changing role of land sector NGOs in a transforming South Africa (Politics and Economics in Africa) (v. 6)"
- ↑ http://www.gov.za/deputy-minister-hands-over-r390-million-restitution-award-thornhill-tarkastad