U-Buyelekhaya Dalindyebo

UKumkani uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo KaJonguhlanga (owazalwa ngomhla wesihlanu kuTshazimpuzi kowe1964), igama lombuliso uZwelibanzi, ngukumkani wabaThembu eMzantsi Afrika ukusukela ekupheleni kweminyaka ye1980 ukuza kuthi ga ngoku. [1] [2] UDalindyebo ngunyana weNkosi yangaphambili yeKumkani yabaThembu uSabata Jonguhlanga Dalindyebo, yinzalelwane ngqo kaKumkani uDlomo KaNxeko owaseka ubukhosi bamaDlomo, kwaye ngoku ungumlawuli wakwaDalindyebo.

Ngomhla woku-1 kweyoMsintsi ngowama2023 utshate okwesithandathu intombi yamamaNgxongo kwiNdlunkulu yaBathembu kumnombo kaKumkani uMguti, ngoku enguKumkanikazi uKhazeka Nolubabalo Mcinga Dalindyebo owathiywa ngegorha elingumsombululi wengxaki, intombi kaKumkani uNgubencuka.

UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo lilungu loMkhonto weSizwe eliqeqeshiweyo waya elubhacweni emncinci kakhulu waqeqeshwa ngabantu abafana noChris Hani, inkumanda yakhe inguRonnie Matshaya.

Waqeqeshwa kumazwe afana neZambia wakhulela phantsi kowayesakuba nguMongameli waseZambia uKenneth Kaunda, ngethuba esaphila uKumkani uDalindyebo owayeselubhacweni naye wafumana inyhweba yokuba kufutshane neekumkani zaseLesotho naseSwazini.

INkosana uBuyelekhaya Dalindyebo ngelo xesha wanyanzelwa ngokuya elubhacweni ngowe1974, elandelwa nguyise uKumkani Sabata Dalindyebo ngowe1980. UKumkani Sabata wasweleka eselubhacweni eZambia ngowe1986, uBuyelekhaya Dalindyebo wabuyela eMzantsi Afrika eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu ngowe1989 wabuyiselwa njengeKumkani yabaThembu emva kweminyaka yokungenelela kwimicimbi yasebukhosini nemveli ngurhulumente wocalucalulo. UKaiser Matanzima, obekwe kwindawo kuphela njengenkosi enkulu yabaThembu nothe wasebenzisa inkqubo yeBantu Authorities, ubhengezwe njenge “Paramount Chief”. Ukuqeshwa kukaMatanzima, owathi kamva waba yinkokeli “yelizwe” laseTranskei – kwisikhundla sokuba yiNkosi ePhakamileyo kwadala iyantlukwano enzulu phakathi kwabaThembu.

NgoMeyi 2005, uDalindyebo wamangalelwa ngobuqhetseba, ukubulala, ukuzama ukubulala, ukuxhwila, kunye nokutshisa kwiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha, waze wagwetywa. Ngowe2013, ngethuba ebhena, iDemocratic Alliance yoMzantsi Afrika yafaka uDalindyebo kulo mbutho. Kucingelwa ukuba ukhethwe kuba ekwazile ukuzisa iivoti kwiDA kwiphondo leMpuma Koloni . [3]

Ngenyanga yeKhala ngowe2014, iqela leenkosi zabaThembu labhalela uMongameli woMzantsi Afrika uJacob Zuma licela ukuba uDalindyebo asuswe esikhundleni, lisithi “uyinkosi ekhohlakeleyo” kwaye “akafanelekanga ukulawula”. [4]

Ngenyanga yeDwarha ngowe2015, uDalindyebo wagwetywa iminyaka elishumi elinesibini entolongweni, kwaze kwapheliswa ubulungu bakhe kwiDA. [5] [6] Ngenyanga yoMnga kngowe2015, njengoko uDalindyebo wayeza kuqalisa isigwebo sakhe, wenza iinzame zomzuzu wokugqibela zokunqanda ukuvalelwa ngokucela uZuma ukuba axolelwe ngumongameli . [7] Uxwebhu lwezikhalazo lwachithwa ekupheleni kweyoMnga, kwaye wavalelwa ngowama30 kweyoMnga 2015. [8] Ubizo lwesibini loxolelo lukamongameli lwaqaliswa ekuqaleni kowe2016 [9] Ngenyanga yoMqungu 2016 kwavakala iingxelo zokuba uDalindyebo ebekwindawo yokulamba . [10] UDalindyebo uchithe ixesha elininzi kwiinyanga zakhe zokuqala evalelwe esibhedlele. [11]

Ngomhla wama23 kweyoMnga kowama2019, emva kwentetho kamongameli uCyril Ramaphosa yoSuku loXolelwaniso, uDalindyebo wakhululwa entolongweni emva kokutsala isithathu kwisigwebo sakhe. [12]

Ngomhla we13 kweyoKwindla ngowama2020, uDalindyebo wabanjelwa ukubetha . Ngokweengxelo kumaphephandaba asekuhlaleni, ukumkani wafika kwindawo yokuhlala yasebukhosini, iNdawo Enkulu, ngeyesibini ekuseni ngowe13 kweyoKwindla ephethe izembe. Emva koko uye wahlasela iKumkani ebambeleyo ngoku, uAzenathi, kunye nenkosikazi yakhe, nowathi kamva walaliswa esibhedlele. Ngelinge lokubaleka, uAzenathi kuthiwa utsibe ngefestile yebhotwe. [13]

Ngexesha lonyulo loomasipala lonyaka wama2021 eMzantsi Afrika, uDalindyebo wafumana inkomo waza wathenjiswa ngeMercedes -Benz SUV yiEconomic Freedom Fighters, emva koko wabhengeza ukuba uyawuxhasa lo mbutho watsho ecela isizwe ukuba senze okufanayo. [14]

Iimbekiselo

tshintsha
  1. "South African traditional states" Worldstatesmen.org Cahoon, Ben retrieved 26 August 2010 
  2. Soszynski, Henry "abaThembu" Genealogical Gleanings University of Queensland archived from the original on 11 March 2011 retrieved 28 August 2010  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  3. "Redirecting..." www.rdm.co.za (in English) retrieved 2018-10-19 
  4. "AbaThembu royal family want 'evil' King Dalindyebo out" City Press archived from the original on 3 August 2014 retrieved 1 August 2014  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  5. "Redirecting..." www.bdlive.co.za (in English) archived from the original on 2018-10-20 retrieved 2018-10-19 
  6. "King Dalindyebo gets 12 year jail sentence | the New Age Online" archived from the original on 2015-10-04 retrieved 2015-10-04  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  7. "Will Dalindyebo ever serve jail time? | IOL" archived from the original on 2015-12-25 retrieved 2015-12-25  Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  8. "Masutha dismisses King's petition | IOL News" (in English) retrieved 2018-10-19 
  9. "Zuma refers bid to free Dalindyebo to Justice Minister" (in en-US) retrieved 2018-10-19 
  10. Sesant, Siyabonga "Buyelekhaya Dalindyebo breaks hunger strike" (in English) retrieved 2018-10-19 
  11. "King Dalindyebo back in prison after hospital stay" News24 (in English) archived from the original on 2018-10-20 retrieved 2018-10-19 
  12. Mabuza, Ernest (23 December 2019) "King Dalindyebo released after serving third of sentence: justice department" TimesLIVE retrieved 25 October 2021 
  13. Ngcukana, Lubabalo "King Dalindyebo arrested after causing chaos at the Great Place" News24 retrieved March 13, 2020 
  14. Dayimani, Malibongwe "'Ignore King Dalindyebo'- ANC accuses monarch of selling out his nation for EFF's gifts" News24 (in en-US) retrieved 2021-10-25