Ubawo uRaymond Mphakamisi Mhlaba wazalwa ngomhla we-12 kweyomDumba ngo1920, waza walishiya eli ngomhla wama-20 kweyomDumba ngo2005. Wayelelinye lamatsha ntliziyo omzabalazo esilwa nengcinezelo ekwayinkokheli ye African National Congress (ANC). Lo kaMhlaba wachitha iminyaka engama-25 yonke ethothoza ejele ngesigwebo awayesaziwa ngaso bekunye noNelson Mandela, uGovan Mbeki, uWalter Sisulu nabanye , isigwebo setyala laseRivonia. Bonke ubomi bakhe ebudaleni bakhe wabuchitha evuth'amalangatye njengelungu leANC ekwalilo nelungu lombutho wamakomanisi alapha eMzantsi Afrika. Ngenxa yobuntu waye nabo, wade wanikwa isiteketiso esithi 'Oom Ray'.

U-Raymond Mhlaba

Ubomi bakhe tshintsha

U"oom Ray" wazalwa kwingingqi ebizwa ngokuba kuseMazoka kwisithili sase-Fort Beaufort. Ufunde e-Healdtown 'secondary school". Wathi akusishiya isikolo waya kusebenza kwindawo yokuhlamba impahla eBhayi. Kulapho wafika wakhwetywa khona yimibutho yabasebenzi bekwenza oko ngombutho owawubizwa ngokuba yi"Non European Laundry Workers Union". Ngo-1943 waazibandakanya nombutho wamakomanisi aseMzantsi afrika. Ngo-1944 waba lilungu elipheleleyo le-ANC. Wazimanya ngeqhina lomtshato okokuqala nentombi yakwa Meke, uJoyce, owayeyinzalelwane yakwaseFort Beaufort. Kwiminyaka eli-17 bekunye, phambi kokuba umkakhe lo abhubhe kwingozi yemoto ngo-1960, babenabantwana abathathu. Waphinda wazimanya ngeqhi lomtshato ngo1982 nentombi yakwa Heliso, uDideka esese Roben Island balizwa ngabantwana abathathu.