UBrenda Nokuzola Fassie

U Brenda Nokuzola Fassie waazalelwa kwaLanga, kwidolophu yaseKapa,[1] eliphelo kubantwana abalithoba. Ukuthiywa kwakhe igama elithi Brenda kulandela lemvumikazi yaseMelika u Brenda Lee.[1] Uyise walishiya eli eneminyaka emibini kuphela uBrenda, waza wathi ngoncedo lukanina, nowayengumdlali wepiyano, waqala ukufumana imali ngokuculela abakhenkethi.[2][1]

Imbali ngobomi bakhe tshintsha

Ngo-1981, xa aneminyaka eyi-16 ubudala, walifulathela iKapa waya eSoweto, eGoli, ngeenjongo zokuza kufumana udumo njengemvumi. UFassie uqale ngokuzibandakanya neqela ekwakusithiwa yiJoy waza kamva waba yimvumi ephambili kwiqela laselokishini eliculayo nelalisayakubizwa ngokuba yi-Brenda and the Big Dudes. UNonyana wakhe, uBongani, awathi wamfumana ngo-1985 emfumana kwenye imvumi engugxa wakhe kwiqela leBig Dudes. Wazimanya ngeqhina lomtshato noNhlanhla Mbambo ngo-1989 kodwa waphasalaka loo mtshato ngo1991. Kanye ngelo xesha wabangumntu weziyobisi icocaine lwaza ubizo lwakhe lwasilela.[3][4]

Ebethetha phandle ngokupheleleyo ngezimvo zakhe kunjalo nje esoloko ebandwendwela abangamahlwempu ezilokishini zaseGoli, kananjalo ngamaculo akhe angobomi ezilokishini, esonwabela udumo lwakhe. Wayesaziwa kakhulu ngamaculo akhe atshathelelyo "u-Weekend Special" kunye no "Too Late for Mama", wayesaziwa ekwabizwa nje ngo "Madonna wasezilokishini" yi Time ngo2001.

Ngo1995, wabhaqwa ehotele kunye nesithandwa sakhe esasikwangumntu wasetyhini, uPoppie Sihlahla, owabulawa yinto eqikelelwa ukuba watya amayeza ngokugqithisileyo.[1] UFassie wabekwa phantsi koqwalaselo apho wayeqeqeshelwa ukuyeka iziyobisiunderwent watsho wabuyela kwisiphiwo sakhe.[1] Nangona kunjalo, waqhubeka esiba nayo ingxaki yeziyobisi waphinda wabuyela kwiiKliniki zonyango.[1] isithuba esimalunga nama-30 samathuba ebomini bakhe.

ukususela ngo-1996 wakhupha amacwecwe amaninzi e-solo, kuquka uNow Is the Time, Memeza (ngo1997), kunye noNomakanjani?. Uninzi lwamacwecwe akhe abakumgangatho wabathengi i-multi-platinum eMzantsi Afrika; uMemeza yaba lelona cwecwe lathengwa kakhulu eMzantsi Afrika ngo1998.[1]

Isiphelo sakhe tshintsha

ngentsasa yangomhla wama-26 kuTshazimpuzi ka2004, uFassie wafa isiqaqa esekhayeni lakhe eBuccleuch, eRhawutini, waza wabalekiselwa kwisibhedlele eSunninghill. Oonondaba babesithi uhlaselwe sisifo sentliziyo, kwaza kamva kwaxekwa okokuba usafe isiqaqa esenziwe kukuminxana kwesifuba. ngokwengxelo ngoqhaqho olwenziwa emva kokuba eswelekile yaveza okokuba ngobusuku obandulela ukuwa kwakhe esifa isiqaqa wayesele isiyobisi icocaine ngokugqithisileyo, kwathi kanti ngunobangela wokokuba afe isiqaqa. Kuthe kusenjalo wasuka wayeka ukuphefumla ngenxa yokwenzakala kwengqondo kuba ingasafumani oksijin. UFassie wandwendwelwa nguNelson Mandela, Winnie Mandela, kunye noThabo Mbeki ngelixa elele ngandletyana nye esibhedlele, kwaye imeko yempilo yakhe yayingundaba-mlonyeni isishloko samaphepha-ndaba.[1][5] Wayikhaba ibhekile xa aneminyaka engama-39 ubudala ngomhla wesi-9 kuCanzibe ngo2004 esesesibhedlele engazange ade abe ubuyela ezingqondweni emva kokuba ubuxhaka-xhaka boomatshini awayephefumla ngabo baye bacinywa. Ngokwephepha-ndaba laseMzantsi Afrika iSunday Times nangokweemanejala zenkampani yomculo wakhe, ingxelo eyafunyanwa emva koqhahqo lomzimba wakhe zabonisa okokuba wayenayo nentsholongwane ye-HIV. UManejala wakhe, uPeter Snyman, wawukhaba lo mba kule ngxelo. Usapho lwakhe, kuquka nogxa wakhe weminyaka, babehleli kunye naye ngelixa umphefumlo wakhe usahlukana nenyama.

Udumo lwakhe tshintsha

Ngokweevoti waba kwindawo ye-17 kwikwikhulu lokuqala kubemi abahlonitshiweyo eMzantsi Afrika.

Unyana wakhe uBongani 'Bongz' Fassie wacula ingoma ethi "I'm So Sorry", ngoma leyo eyayidlalelwa umama wakhe, kwingoma eyashicilelwa kwimbasa ye-2005 kwimbasa yeAcademy-umdlalo owawuhamba phambili othi Tsotsi.

KweyoKwindla ngo2006 elinye iwonga elilingana nobomi ibronze sculpture kaFassie eyenziwa lichule nochwepheshe uAngus Taylor yahti yaxhonywa ngaphandle was installed outside kwisiseko, a indawo ekuculelwa kuyo eGoli.[6]

Iingoma ezichongiweyo kwithala leengoma tshintsha

Inkoliso yamacwecwe eengoma zikaFassie ayekhutshwa ngabakwa EMI-abanganikazi bayo ingabashicileli bakwaCCP.

  • 1989: Brenda
  • 1990: Black President
  • 1994: Brenda Fassie
  • 1995: Mama
  • 1996: Now Is the Time
  • 1997: Memeza
  • 1997: Paparazzi
  • 2000: Thola Amadlozi
  • 2001: Brenda: The Greatest Hits
  • 2003: Mali
  • 2003: The Remix Collection
  • 2004: Gimme Some Volume

Wabanegalelo kwicwecwe likaMandoza elithi Tornado (ngo2002), nakwelikaMiriam Makeba elithi Sangoma (ngo1988), kanti nakwelika Harry Belafonte elalichasene nengcinezelo lisithi Paradise in Gazankulu (ngo1988). Wayecula nakwisandi sengoma eyayikumdlalo iYizo, Yizo (ngo2004).

Imithombo tshintsha

  1. 1.0 1.1 1.2 1.3 1.4 1.5 1.6 1.7 "Brenda Fassie: A very human hero" BBC News (London: bbc.co.uk) 10 May 2004 retrieved 20 August 2007 
  2. Walsh, Declan (12 May 2004) "Brenda Fassie: Brash and brilliant queen of African pop" The Independent archived from the original on 25 September 2015 retrieved December 2013 
  3. Lategan, Annel (18 May 2004) "The life of Brenda Fassie" Women24 archived from the original on 12 May 2014 retrieved 9 May 2014 
  4. McGregor, Liz (11 May 2004) "Obituary: Brenda Fassie" The Guardian retrieved 9 May 2014 
  5. "South Africans mourn top pop diva" BBC News (London: news.bbc.co.uk) 11 May 2004 retrieved 20 August 2007 
  6. "Public Art" Newtown Heritage Trail retrieved 11 May 2012