Inkunzi yenye yesini kwizini ezimbini ezifumaneka kwizilwanyana eziphefumlayo. Inkunzi yenye  yesini kwizini ezimbini  ezifumaneka kuninzi lwaso nasiphi na isidalwa esikwaziyo ukuzishukumela  nokuphefumla. Inkoliso yazo ke zinezini ezimbini -  inkunzi kunye nethokazi/mazi. Ebantwini endaweni yenkunzi sithi ngabantu basesibayeni ekuthiwa ngamadoda namakhwenkwe; ize endaweni yemazi okanye ithokazi, sibenabantu bangasegoqweni ekuthiwa ngabafazi namantombazana. 

umqondiso osetyenziswa ziingcali zebhayoloji ukubonisa ubunkunzi bezilwanyana eziphefumlayo.  
Isini sobudoda

Zombini ke ezi zini zineentlobo-ntlobo zee-organs zokuzala, kunye neentlobo-ntlobo mpawu zeempawu ezixhasa isizalo. zikwaneentlobo-ntlobo zemisebenzi yakwabhayoloji.  Abafazi bazala  abantwana ngokuthi bafumane i-semen evela  emadodeni. Kwiindawo zoluntu ezininzi, abafazi basoloko bebandakanyeka kwiindibano, ngeli lixa wona amadoda esoloko ezingela.  

amaphepha anxulumene nala tshintsha

  • Umfazi/imazi