Umoya
Umoya uyi-atmosphere yomhlaba. Umoya osijikeleziyo okanye esiphila kuwo ungumxube wee-gas ezininzi kunye nothuli lomhlaba. Unoya yi-gas ecocekileyo eziphila ngawo izidalwa eziphilayo, zize zithi ngawo zikwazi nokuphefumla. Ukumila kwawo nobungakanani bawo ngokobunzini abunangqibeko. Awunabala navumba. Une-mass nobunzima. Uyi-matter kuba kaloku une-mass nobunzima. Umoya udala i-atmospheric pressure. Akukho moya kwi-vacuum ye-cosmos.

Umoya ngumxube we-nitrogen emalunga nama-78%, ama-21% e-oxygen, i-0.9% se-argon, i-0.04% ye-carbon dioxide, kunye nezinye iintwana ntwana zee-gas ezincinane kakhulu.[1][2] Kukho umyingewophunga wamanzi omalunga ne-1%.
Izilwanyana zidinga i-oxygen esemoyeni ukuze ziphile. Umzimba womntu, imiphunga ihambisa i-oxygen iyise e-gazini, ize iphinde ibuyisele i-carbon dioxide emoyeni. Izityalo zidinga i-carbon dioxide esemoyeni ukuze ziphile. Zikhupha i-oxygen ephefumlwa ngabantu.
Umoya obhudlayo ngumoya olwatyuzayo. umoya usengangcoliswa zezinye ii-gases (ezifana ne-carbon monoxide), umsi, noamthuthu. Olu ngoliseko sesinye sezizathu zokwenzeka kwe-global warming, kuba kaloku zenza i-"greenhouse effect".
Inqwelo-ntaka isebenzisa ii-propellers ukuhambisa umoya ngaphezu kwamaphiko, ayo, atsho akwazi fbhabha. Ii-Pneumatics isebenzisa i-air pressure ukuhambisa izinto.
Amanye amaphepha anxulumene nala. Edit
- Inqwelontaka
- Inqwelomoya
- Isikhululo seenqwelomoya
- I-Air space
Ungafunda nanga amanye amaphephaEdit
- ↑ "composition of air". http://mistupid.com/chemistry/aircomp.htm.
- ↑ Zimmer, Carl (3 October 2013).