Ihlathi yindawo apha emhlabeni enemithi emininzi. Izilwanyana ezininzi zidinga ihlathi ze ziphile. Amahlathi abaluleke kakhulu kwaye akhula kwiindawo ezininzi emhlabeni jikelele. Kwinkqubo yendalo equka izilwanyana nezityalo ezininzi.

ihlathi iBiogradska e Montenegro
Ihlathi lemvula enobushushu eTasmania's Hellyer Gorge
imithi emidala elinganayo, neshinyeneyo Even, dense old-growth beech trees (iFagus sylvatica) izakukhuliswa kwakhona ngezithole zayo ngokuthi ziqhushekwe phakathi kweminye imithi. Kwindawo ethile apha kwiiBrussels kwihlathi laseSonian
Amahlathi entabeni yaseMntlaUtah ekuqaleni kwentwasahlobo.
ihlathi lemvula iFatu Hiva ePolynesia.
Ihlathi iParambikulam, eKerala, eIndia
Imithi enemisetyana embalwa nengashinyananga kuyaphi nekude kungene imitha yelanga kuyo eBrading, iIsle of Wight, iNgilane ibonisa iibluebells (iintyantyambo eziluhlaza okwesibhakabhaka, iHyacinthoides non-scripta), iiramsons (iintyatyambo ezimhlophe, iAllium ursinum) kunye nemithi yehazel (iCorylus avellana)

Iimo zezulu tshintsha

Iqondo lobushushu kunye neemvula zizinto ezimbini kwizinto ezakhe zabaluleka kumahlathi. Amahlathi afumaneka eequator kufuphi ngingqi zepolar, kodwa iimpawu zamahlathi zahluke kakhulu. Kwimozulu ebandayo iiconifers ziyabalasela, kodwa xa kushushu amahlathi abazizityalo ezineentyantyambo ubukhulu becala. Imvula nayo ngumba omkhulu. Akukho amahlathi akhona entlango, kuba yimithi nje embalwa mithi leyo efumaneka kwindawo apho iingcambu zayo zinokufumana amanzi phantsi komhlaba.