IPhondo laseMpuma-Koloni
| ||||
iKhapitali | iBhisho | |||
iDolophu enkulu | iBhayi | |||
Premier | Oscar Mabuyane | |||
Area – Total |
Ranked : 2nd 168 966 km² | |||
abaNtu – Bonke (2014) – Density |
Ranked : 3rd 6 786 900[1] 39/km² | |||
Ulwimi | isiXhosa (78.9%) isiBhulu (10.6%) isiNgesi (5.6%) | |||
Tshintsha |
IPhondo laseMpuma-Koloni lelinye lamaPhondo oMzantsi Afrika. IKomkhulu yalo yiBhisho.
Injengele esesihlalweni ukususela ngowamawaka amabini anesithoba (2015) nguPhumulo Masualle wombutho ophethe isizwe iAfrican National Congress, iANC ngamafutshane.
Inani labantu abahlala kulo liqikelelwa kuma – 6.786.900.
Iilwimi ezithethwa koluPhondo zimi ngoluhlobo: isiXhosa (78.9%), isiBhulu (10,6%), isiNgesi (5,6%) kwakunye nesiSuthu. Kumagorha athi awela edabini kwiimfazwe zokulwela umhlaba weMpuma Koloni singabala iingwevu zakwa Phalo ezifana no Hintsa, uNgqika, uNxele, uMaqoma no Sarhili, babe ziinkosi zesi sizwe.
IMpuma Koloni ikwalikhaya lamaqhawe omzabalazo wenkululeko afana no Robert Sobukwe, uNelson Mandela, uGovan Mbeki, uRaymond Mhlaba, uThabo Mbeki, uChris Hani, uWalter Sisulu, uClerence Makwethu, uKaiser Matanzima, uSteve Biko nabanye abaninzi.
Kulapho kukho khona iCofimvaba indawo ekwazalelwa kuyo uSibusiso Zonke kunye noChris Hani.
Zininzi iindawo esingazikhankanya ezizidolophu zabantu abaziwayo jikelele ezikolu phondo.
IMpuma Koloni luphondo oluneentlanga neenkolo ezininzi, nabantu abane nkosi ngenkosi ngobobuhlanga babo njengama Gcaleka, ama Rharhabe, abaThembu, amaBomvana, ama Hlubi, ama Mpondo, aba Thembu, ama Gqunukhwebe, ama Bhaca, ama Mfengu nama Mpondomise.
Links
tshintsha- Mpuma-Koloni.
- (isiNgesi) info.gov.za
- (isiNgesi) Mpuma-Koloni
Uluhlu lweendawo eMzantsi Afrika | |
---|---|
iFreyistata | iRhawuti | Mntla-Koloni | Ntshona-Koloni KwaZulu-Natala | Mpuma-Koloni | Limpopo | Mpumalanga | Mntla-Ntshona |